14. Ingoma yam namandla am nguNdikhoyo;ewe kaloku, ndisindiswa nguye.
15. Nantso intsholo yoloyiso ivakala;kaloku amalungisa ayamemelela,athi: “Ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile;
16. amandla kaNdikhoyo abalasele;ewe, ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile!”
17. Mna andiyi kufa; ndiya kudla ubomi,ndibalise ngezenzo zikaNdikhoyo.
18. Yena undohlwaye kabukhali;kambe ke akandiyekelanga ekufeni.
19. Khanindivulele amasango endlu kaThixo,khon' ukuze ndingene ndidumise uNdikhoyo.
20. Nali isango lokungena kwaNdikhoyo;ngamalungisa odwa angenayo ngalo.
21. Ndiyabulela kuba undivile;kaloku wena ungumhlanguli wam.
22. Kaloku ilitye abalidelayo abakhilaba lelona libalulekileyo lesiseko.
23. Ewe, lo ngumsebenzi kaNdikhoyo;kambe ke thina uyasimangalisa.
24. Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;masizonwabise sibe nemihlali ngayo.
25. Sisindise, siyakubongoza, Ndikhoyo!Awu, siyatarhuzisa, Ndikhoyo; masiphumelele ngawe!