Iindumiso 118:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mdumiseni *uNdikhoyo, kuba elungile;izibele zakhe zohlala zihleli.

2. Ewe, makatsho uSirayeli athi:“Izibele zakhe soze zitshitshe.”

3. Ngokunjalo nendlu ka-Aron mayithi:“Ngenene izibele zakhe soze zithini.”

4. Ewe, abamthobelayo uNdikhoyo mabathi:“Izibele zakhe zifikelela ephakadeni.”

5. Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,waza yena wasabela wandihlangula.

6. Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.

7. Ngenene uNdikhoyo ungakum, uyandinceda;ngoko ke ndiya kuboyisa abandithiyileyo.

8. Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,kunokuba uthembele ngomntu.

9. Kubhetele ukholose ngoNdikhoyo,ndaweni yokukholosa ngamanene.

10. Ndakha ndarhawulwa ziintlanga,kodwa egameni likaNdikhoyo ndaziqwakanisa.

11. Ewe, zazindirhawule mbombo zone,kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndalalisa ugodo.

Iindumiso 118