2. Njengoko endiphulaphula nje,ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi.
3. Izabatha zokufa zandibhijela,izoyikiso zelabafileyo zandikhonkxa;latsho laxubayela ndangcungcutheka.
4. Ke kaloku ndabhenela kuNdikhoyo, ndathi:“Awu, Ndikhoyo, ndiyakubongoza, ndisindise!”
5. Unesisa kambe uNdikhoyo, ulungile;hayi ke bethu, inceba yoThixo wethu!
6. UNdikhoyo uyabakhusela abaxakiweyo;nam ndandingenamandla wandihlangula.
7. Musa ukuxhalaba, mphefumlo wam,kuba uNdikhoyo undivelele.
8. UNdikhoyo undihlangule ekufeni;yena undosule iinyembezi,wandikhusela andakhubeka.
9. Kungoko ndihamba noNdikhoyokweli lizwe labaphilayo.
10. Ndancekelela, ndathemba,nakuba ndandisithi sendivuthulukile.
11. Ekuncameni ndakhala ndathi:“Abathembekanga kambe abantu.”
12. Yaz'ba ndingambuyisela ngantoni na uNdikhoyongezibele ezingaka andenzele zona?
13. Ndothatha indebe yosindiso,ndibize igama likaNdikhoyo.
14. Izithembiso zam ndozifezekisa kuNdikhoyo;ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe.