1. *UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;uyasabela ndakuzibika kuye.
2. Njengoko endiphulaphula nje,ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi.
3. Izabatha zokufa zandibhijela,izoyikiso zelabafileyo zandikhonkxa;latsho laxubayela ndangcungcutheka.
4. Ke kaloku ndabhenela kuNdikhoyo, ndathi:“Awu, Ndikhoyo, ndiyakubongoza, ndisindise!”