Iindumiso 115:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Nakuba zineendlebe, aziva kodwa;zineempumlo, kodwa azikwazi ukusezela.

7. Ewe, zinezandla ezifileyo;zineenyawo, kodwa azikwazi ukuhamba;imiqala yazo ayikwazi kwenza sandi.

8. Ew', abenzi bazo bofana nazo,bekwanjalo nabo bonke abaqamela ngazo.

9. Ke wena, Sirayeli, kholosa ngoNdikhoyo!Uluncedo nomkhuseli wakho.

10. Nani, ndlu ka-Aron,kholosani ngoNdikhoyo!Uluncedo nomkhuseli wenu.

11. Nabo bonke abamthobelayo uNdikhoyo mabakholose ngaye!Uluncedo nomkhuseli wabo.

12. UNdikhoyo wosithamsanqelisa, kuba uyasazelelela;uya kuyithamsanqela indlu kaSirayeli,ayithamsanqele indlu ka-Aron.

13. Bothamsanqeleka abamthobelayo uNdikhoyo;ewe, nditsho abancinci kwanabakhulu.

14. Ngamana wanandisa uNdikhoyo,nina kunye nezizukulwana zenu.

15. Ngamana wanithamsanqela uNdikhoyoongumenzi wamazulu nehlabathi.

16. Kambe ke wona amazulu ngakaNdikhoyo;ke lona ihlabathi walabela oonyana babantu.

Iindumiso 115