Iindumiso 115:14-18 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ngamana wanandisa uNdikhoyo,nina kunye nezizukulwana zenu.

15. Ngamana wanithamsanqela uNdikhoyoongumenzi wamazulu nehlabathi.

16. Kambe ke wona amazulu ngakaNdikhoyo;ke lona ihlabathi walabela oonyana babantu.

17. Abafileyo abamdumisi uNdikhoyo,bengacingi nâbo behlela kwelabathe cwaka.

18. Kambe ke thina somdumisa uNdikhoyokusukela ngoku kude kuse ephakadeni.Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

Iindumiso 115