11. Nabo bonke abamthobelayo uNdikhoyo mabakholose ngaye!Uluncedo nomkhuseli wabo.
12. UNdikhoyo wosithamsanqelisa, kuba uyasazelelela;uya kuyithamsanqela indlu kaSirayeli,ayithamsanqele indlu ka-Aron.
13. Bothamsanqeleka abamthobelayo uNdikhoyo;ewe, nditsho abancinci kwanabakhulu.
14. Ngamana wanandisa uNdikhoyo,nina kunye nezizukulwana zenu.
15. Ngamana wanithamsanqela uNdikhoyoongumenzi wamazulu nehlabathi.
16. Kambe ke wona amazulu ngakaNdikhoyo;ke lona ihlabathi walabela oonyana babantu.
17. Abafileyo abamdumisi uNdikhoyo,bengacingi nĂ¢bo behlela kwelabathe cwaka.