Iindumiso 115:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Hayi bo! Mayingabi sithi, *Ndikhoyo;ewe, makudunyiswe igama lakho,ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!

2. Ngani ukuba iintlanga zide zithi:“Uphi na lo Thixo wabo kakade?”

3. UThixo wethu usemazulwini;yena wenza loo nto ayithandayo.

4. Kanti ke *izithixo zabo ziyisiliva negolide;bazenza ngezandla ngokwabo.

5. Ewe, zinemilomo nje, azithethi;zinawo amehlo, kodwa ziimfama.

Iindumiso 115