Iindumiso 114:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ekuphumeni kwamaSirayeli eJiputa,ewe, ekundulukeni kwendlu kaYakobi kwelasemzini,

2. uJuda waba libango *likaNdikhoyo,ke yena uSirayeli waba luhlanga lwakhe.

3. Luthe lungabona lwaswantsula ulwandle;kanti ke yona iJordan suka yahlehla.

4. Iintaba zadloba, zaxel' amankonyana;ke zona iinduli zataka-taka, zaxel' amatakane.

5. Lwandle, ngani ukuba ubaleke?Jordan, ngani uhlehl' umva nje?

6. Ngani ukuba zidlob' okwamankonyana iintaba?Kungan' ukub' iinduli zitaka-take okwamatakane?

7. Ewe, hlabathi, khawurhwaqele, uyeza uNdikhoyo;rhwaqela phambi koThixo kaYakobi,

8. umajik' ulwalwa luntywil' emanzini,inyengan' impompoz' umthombo.

Iindumiso 114