4. UNdikhoyo ungaphaya, uzivelele zonk' izizwe;isihomo sakhe siwakrobel' amazulu.
5. Yaz'ba singamfanisa nabani n' uNdikhoyo uThixo wethu,umahlal' emalandalahla kweliphezulu?
6. Ngumagob' umnqonqo alengetyeke,eqwalasel' amazulu nehlabathi.
7. Amahlwempu uyawaphakamisa, awavuthulul' uthuli;ewe, nabagqub' eluthuthwini uyabaphakamisa.
8. Batsho bangqendeve ndawonye namatshawe;ewe, babe matwa namatshawe abantu bakhe.
9. Nomfazi ongaphathiyo umzimasa ngomzi,atsho abe ngunobantwana onemincili.Huntshu-u-u!Bayethe, Mhlekazi!