1. Aa! Bayethe, Mhlekazi!Ewe, mbongen' *uNdikhoyo, zicaka zakhe;khanityibele nibong' igama likaNdikhoyo.
2. Ewe, lelokubongwa lidunyiswe igama likaNdikhoyo,kusukela kalokunje kude kube nini-nini.
3. Kusukela empuma kude kuye entshonalangauNdikhoyo makabe ngokhahlelwayo.
4. UNdikhoyo ungaphaya, uzivelele zonk' izizwe;isihomo sakhe siwakrobel' amazulu.
5. Yaz'ba singamfanisa nabani n' uNdikhoyo uThixo wethu,umahlal' emalandalahla kweliphezulu?