Iindumiso 111:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”*UNdikhoyo ndiya kumbonga ndiphelelise;ewe, ndiya kumbonga ndikunye namalungisa ebandleni lakhe.

2. Ewe, mikhulu kambe imisebenzi kaNdikhoyo;abayilangazelelayo bayayiphicotha bayiqondisise.

3. Imisebenzi yakhe inesidima nobungangamsha;ubulungisa bakhe buhlala buhleli.

4. Yena uyasikhumbuza imisebenzi yakhe;uNdikhoyo unobubele enesisa.

5. Uyabondla abo bamthobelayo;yena akawulibali umnqophiso wakhe.

Iindumiso 111