Iindumiso 109:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ematyaleni makafunyaniswe onile,nomthandazo wakhe mawumgwebe.

8. Imihla yakhe mayinqanyulwe;indawo yakhe mayithathwe ngomnye.

9. Abantwana bakhe mababe ziinkedama,umfazi wakhe abe ngumhlolokazi.

10. Abantwana bakhe mababe zizibhadu-bhadu ezingqibayo;mabajikeleze bazingele ukutya nasemabhodlweni.

11. Ombamba ulutho wanga angamthimba;amandla akhe makaxhatshazwe ngabasemzini.

12. Ngamana akungebikho bani uvelana naye,angabikho ozisizelayo ezo nkedama.

13. Ngamana yaphanza nenzala yakhe,igama lakhe lingaphindi likhankanywe.

14. Ngamana wabuxhiba *uNdikhoyo ububi booyise,buhlale phambi kwakhe nobubi bukanina.

15. Ngamana wabugcina njalo uNdikhoyo obu bubi;igama lakhe malicime kuthi tu emhlabeni.

Iindumiso 109