Iindumiso 109:12-28 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ngamana akungebikho bani uvelana naye,angabikho ozisizelayo ezo nkedama.

13. Ngamana yaphanza nenzala yakhe,igama lakhe lingaphindi likhankanywe.

14. Ngamana wabuxhiba *uNdikhoyo ububi booyise,buhlale phambi kwakhe nobubi bukanina.

15. Ngamana wabugcina njalo uNdikhoyo obu bubi;igama lakhe malicime kuthi tu emhlabeni.

16. Kaloku lo mntu zange abakhathalele abahlelekileyo nabaxakekileyo,koko wabadobelela abacinezelwa.

17. Wayengumqalekisi, naye ke makaqalekiswe;zange athamsanqele, naye ke makangakuzuzi.

18. Ukuqalekisa wayekunxiba njengempahla:makuthi nca emzimbeni njengamanzi;makugqobhozele emathanjeni njengamafutha.

19. Ewe, makube njengengubo ayambathayo;mihla le makube yibhanti ayibhinqayo.

20. Ndikhoyo, esi mayibe sisohlwayo sâbo bandimangalelayo,abo bathetha kakubi ngam.

21. Kodwa ke, Mhlekazi Ndikhoyo,ndivelele ngenxa yegama lakho;ndihlangule ngenxa yezibele zakho.

22. Kaloku ndihlelelekile, ndixakekile;futhi ke ndixhelekile.

23. Ndithe shwaka ngokwesithunzi samarhatya;ndivuthuluke ngokwesinambuzane.

24. Nditsho ndanengevane kukungatyi;andibhityanga, ndingumcinga!

25. Iintshaba zam ziphoxisa ngam;zakundibona zihlunguzel' intloko.

26. Khawundincede, Ndikhoyo Thixo wam;ndisindise ngokwezo zibele zakho!

27. Khawubethe baqonde ukuba nguwe lo,nguwe ondihlangulayo, Ndikhoyo.

28. Mabathi bendiqalekisa nje, ube wena undithamsanqela;bathi ntimfa ngehlazo abo bandihlaselayo.Mna ke sicaka mandiphuphume yimincili.

Iindumiso 109