Iindumiso 108:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Nceda ngamandla akho usivelele,ukuze basinde abo ubathandayo.

7. UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,ngoloyiso ndiyayihlahlela;intili yeSukoti yona ndiyibenge.

8. IGiliyadi yeyam, noManase ngowam;uEfrayim lelona xhadi lam;uJuda ngumsimbithi wam.

9. UMowabhi yintili yam yebhongo;ke yena uEdom ndiyambanga.EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”

10. Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?Ngubani onokundisa e-Edom?

11. Noko usilahlile, Thixo?Akusaphumi nemikhosi yethu?

12. Sincedise ezintshabeni zethu;kaloku olomntu uncedo luphuthile.

13. Ukuba uThixo ungakuthi, siya kuphumelela;uya kuzinyhasha iintshaba zethu.

Iindumiso 108