5. Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.
6. Nceda ngamandla akho usivelele,ukuze basinde abo ubathandayo.
7. UThixo uthethe *esesibingelelweni sakhe,wathi: “IShekem ndiyayahlula-hlula,ngoloyiso ndiyayihlahlela;intili yeSukoti yona ndiyibenge.
8. IGiliyadi yeyam, noManase ngowam;uEfrayim lelona xhadi lam;uJuda ngumsimbithi wam.
9. UMowabhi yintili yam yebhongo;ke yena uEdom ndiyambanga.EFilistiya ndikhwaza uloyiso.”
10. Ngubani onokundisa emzini oxhotyisiweyo?Ngubani onokundisa e-Edom?
11. Noko usilahlile, Thixo?Akusaphumi nemikhosi yethu?
12. Sincedise ezintshabeni zethu;kaloku olomntu uncedo luphuthile.
13. Ukuba uThixo ungakuthi, siya kuphumelela;uya kuzinyhasha iintshaba zethu.