Iindumiso 107:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. Bambi babebhadula entlango,bengenaso isixeko sokuma bazinze.

5. Ewe, babelamba benxanwa;kwakugos' okwaphukayo beyoba.

6. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo bekhohliwe,waza yena wabakhulula kwezo ngxaki zabo,

7. wabakhokela ngendlela ethe ngqo,wada wabamisa esixekweni bazinza.

8. Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

9. Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo,aze amhluthise ngokulunga olambileyo!

10. Abanye babehlala esithokothokweni sobumnyama,bengamabanjwa akhonkxwe ngemixokelelwane;

Iindumiso 107