Iindumiso 107:23-29 Ibhayibhile (XHO96)

23. Abanye babehamba elwandle ngeenqanawa;babephila kukurhweba elwandle.

24. Babeyibona imisebenzi emikhulu kaNdikhoyo;nditsho imimangaliso yakhe elwandle.

25. Kaloku wathetha ngelizwi, kwavel' isaqhwithi,aza ke wona amaza alatyuza.

26. Iinqanawa zaphatha kunyuka, zaphatha kuzika;ke bona abarhwebi banxuba.

27. Batatazela badidizel' okwamanxila;ewe, lalixubayele bexakiwe.

28. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.

29. Wasithothisa ke isaqhwithi,aza ke amaza olwandle azola.

Iindumiso 107