23. Abanye babehamba elwandle ngeenqanawa;babephila kukurhweba elwandle.
24. Babeyibona imisebenzi emikhulu kaNdikhoyo;nditsho imimangaliso yakhe elwandle.
25. Kaloku wathetha ngelizwi, kwavel' isaqhwithi,aza ke wona amaza alatyuza.
26. Iinqanawa zaphatha kunyuka, zaphatha kuzika;ke bona abarhwebi banxuba.
27. Batatazela badidizel' okwamanxila;ewe, lalixubayele bexakiwe.
28. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.
29. Wasithothisa ke isaqhwithi,aza ke amaza olwandle azola.