Iindumiso 107:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ewe, mabadanduluke batsho abasindisiweyo bakaNdikhoyo,abo abakhululeyo esandleni sotshaba;

3. nditsho abo baqokelelwe kwizizwe ngezizwe,empuma nasentshona, emantla nasezantsi.

4. Bambi babebhadula entlango,bengenaso isixeko sokuma bazinze.

5. Ewe, babelamba benxanwa;kwakugos' okwaphukayo beyoba.

6. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo bekhohliwe,waza yena wabakhulula kwezo ngxaki zabo,

7. wabakhokela ngendlela ethe ngqo,wada wabamisa esixekweni bazinza.

Iindumiso 107