9. Wawis' izwi, lwaza loma qoko uLwandle oluBomvu;wabaweza kuloo nzonzobila,banga bahamb' enkangala.
10. Wenjenjal' ukubakhulula esandleni sotshaba;wabahlangula kubabandezeli babo.
11. Zagutyungelwa ngamanzi iintshaba zabo,akwasinda namnye kuzo.
12. Bandul' ukuziqonda ke izithembiso zikaNdikhoyo,baza badomboza betyibela ngemibongo.
13. Kwakamsinya bazilibala izintw' abenzele zona,benza ukuthanda kwabo bengajonge cebiso kuye.
14. Entlango bangenwa kukubawa,baza bamlinga uThixo kuloo nkangala.
15. Wabenzela izicelo zabo,kodwa wabathumela ngobhubhani wesifo.
16. Bammonela uMosis apho entlango,nditsho naso isicaka sikaNdikhoyo uAron.
17. Wavuleka wona umhlaba waginya uDatan,wagqumelela uAbhiram kunye neqela lakhe.
18. Kwagqabhuk' umlilo phakathi kwabo,awabhuq' onk' amatshijolo amalangatye.
19. Babumba ithole eHorebhe,baza banqula kwaloo mfanekiso bawenzileyo.
20. Ngale ndlela isihomo sikaThixobasinika umfanekiso wenkomo, into edla utyani.
21. Bamfulathela uMsindisi wabo,kanye lo wabenzela izinto ezintle eJiputa.
22. Hay' ubukhulu bezinto abenzela zona kwelakwaHam;hay' ukukhwankqisa kwemimangaliso kuLwandl' oluBomvu!
23. Yiyo ke loo nto athe nge-ebabhangisile uThixoukuba uMosis isicaka sakhe wayengabamelanga,athibaz' ingqumbo kaThixo bangatshabalali.
24. Balicekisa ilizwe elihle kakhulu,kuba babengazikholelwa izithembiso zikaThixo.
25. Babehlala ezintenteni bekrokra,bengawuthobeli umyalelo kaNdikhoyo.
26. Wamis' isibhozo efung' esithiwobayeka bafel' aph' enkangala,
27. ize inzala yab' ayichitha-chithe phakathi kweentlanga,ibe ziintsalu apho kumazw' asemzini.
28. Basuka bazibandakanya nabanquli bakaBhali wasePehore,batya nokutya kwamadini *ezithixo.
29. Bamcaphukisa uNdikhoyo ngezenzo zabo,kwabakho ubhubhani wesifo phakathi kwabo.