37. Babinga oonyana neentombi zabo,besenzela iindimoni amadini.
38. Baliphalaz' igaz' elingenatyala,nditheth' eloonyana neentombi zaboababebanikela kwizithixo zaseKanana;labubutyadidi ke elo zwe lelo gazi.
39. Benjenjalo ke ukuzixabhela;benjenjalo ukuzenyelisa bamfulathela uThixo.
40. UNdikhoyo wavutha ngumsindo,waza wabacaphukela abantu bakhe.
41. Wabayekela ezandleni zeentlanga,baba phantsi kolawulo lweentshaba zabo.
42. Zababandezel' iintshaba,bahlala kabuhlungu phantsi kwazo.
43. Kwaba kaninzi-ninzi ebahlangula uNdikhoyo,kodwa bakhetha ukungamva,beyela zwabha esonweni;
44. Kambe ke wabuya wayigqala uNdikhoyo imbandezelo yabo,wabeva bakuzibika kuye;
45. wazikhumbula nezithembiso zakhe kubo,waba nenceba ngenxa yothando lwakhe olukhulu,
46. wabatsho basizelwa ngababandezeli babo.
47. Sisindise, Ndikhoyo, Thixo wethu,siqokelele phakathi kweentlanga, ukuze sikubulele,silibonge igama lakho elingcwele.