Iindumiso 106:35-47 Ibhayibhile (XHO96)

35. Basuka bendiselana nazo,bafunda namasiko azo.

36. Banqula izithixo abantu bakaThixo,nto leyo ke yaba ngumgibe wabo.

37. Babinga oonyana neentombi zabo,besenzela iindimoni amadini.

38. Baliphalaz' igaz' elingenatyala,nditheth' eloonyana neentombi zaboababebanikela kwizithixo zaseKanana;labubutyadidi ke elo zwe lelo gazi.

39. Benjenjalo ke ukuzixabhela;benjenjalo ukuzenyelisa bamfulathela uThixo.

40. UNdikhoyo wavutha ngumsindo,waza wabacaphukela abantu bakhe.

41. Wabayekela ezandleni zeentlanga,baba phantsi kolawulo lweentshaba zabo.

42. Zababandezel' iintshaba,bahlala kabuhlungu phantsi kwazo.

43. Kwaba kaninzi-ninzi ebahlangula uNdikhoyo,kodwa bakhetha ukungamva,beyela zwabha esonweni;

44. Kambe ke wabuya wayigqala uNdikhoyo imbandezelo yabo,wabeva bakuzibika kuye;

45. wazikhumbula nezithembiso zakhe kubo,waba nenceba ngenxa yothando lwakhe olukhulu,

46. wabatsho basizelwa ngababandezeli babo.

47. Sisindise, Ndikhoyo, Thixo wethu,siqokelele phakathi kweentlanga, ukuze sikubulele,silibonge igama lakho elingcwele.

Iindumiso 106