Iindumiso 106:32-43 Ibhayibhile (XHO96)

32. Nangasemithonjeni yeMeribha bamqumbisa uNdikhoyo,waba sengxakini uMosis ngenxa yabo.

33. Bamcaphukisa uMosisngangokuba wada wathetha amazwi angemahle konke.

34. Abazange bazitshabalalise iintlanganjengoko babeyalelwe nguNdikhoyo.

35. Basuka bendiselana nazo,bafunda namasiko azo.

36. Banqula izithixo abantu bakaThixo,nto leyo ke yaba ngumgibe wabo.

37. Babinga oonyana neentombi zabo,besenzela iindimoni amadini.

38. Baliphalaz' igaz' elingenatyala,nditheth' eloonyana neentombi zaboababebanikela kwizithixo zaseKanana;labubutyadidi ke elo zwe lelo gazi.

39. Benjenjalo ke ukuzixabhela;benjenjalo ukuzenyelisa bamfulathela uThixo.

40. UNdikhoyo wavutha ngumsindo,waza wabacaphukela abantu bakhe.

41. Wabayekela ezandleni zeentlanga,baba phantsi kolawulo lweentshaba zabo.

42. Zababandezel' iintshaba,bahlala kabuhlungu phantsi kwazo.

43. Kwaba kaninzi-ninzi ebahlangula uNdikhoyo,kodwa bakhetha ukungamva,beyela zwabha esonweni;

Iindumiso 106