Iindumiso 106:22-33 Ibhayibhile (XHO96)

22. Hay' ubukhulu bezinto abenzela zona kwelakwaHam;hay' ukukhwankqisa kwemimangaliso kuLwandl' oluBomvu!

23. Yiyo ke loo nto athe nge-ebabhangisile uThixoukuba uMosis isicaka sakhe wayengabamelanga,athibaz' ingqumbo kaThixo bangatshabalali.

24. Balicekisa ilizwe elihle kakhulu,kuba babengazikholelwa izithembiso zikaThixo.

25. Babehlala ezintenteni bekrokra,bengawuthobeli umyalelo kaNdikhoyo.

26. Wamis' isibhozo efung' esithiwobayeka bafel' aph' enkangala,

27. ize inzala yab' ayichitha-chithe phakathi kweentlanga,ibe ziintsalu apho kumazw' asemzini.

28. Basuka bazibandakanya nabanquli bakaBhali wasePehore,batya nokutya kwamadini *ezithixo.

29. Bamcaphukisa uNdikhoyo ngezenzo zabo,kwabakho ubhubhani wesifo phakathi kwabo.

30. Waphakama wabangxengxezela uPineyasi,saza sathomalala isibetho eso.

31. Ngale nto ke wabalelwa kumalungisa,wahlala ekhunjulwa izizukulwana ngezizukulwana.

32. Nangasemithonjeni yeMeribha bamqumbisa uNdikhoyo,waba sengxakini uMosis ngenxa yabo.

33. Bamcaphukisa uMosisngangokuba wada wathetha amazwi angemahle konke.

Iindumiso 106