Iindumiso 105:29-45 Ibhayibhile (XHO96)

29. Amanzi emilambo ajika aligazi,zafa zaphela nezo ntlanzi zabo.

30. Axhuma-xhuma amaxoxo kwelo lizwe,angena nkqu nasemagumbini ekumkani.

31. Watheth' uThixo, kwavela ibubu leempukane,nebubu lezibawu zalityhutyha lonke elo.

32. Kwawa isichotho endaweni yemvula,kwamenyezel' imiban' eyoyikekayo apho.

33. Yavuthuluk' imithi yemidiliya namakhiwane,yawa yaphela imithi kweli lizwe.

34. Watheth' uThixo, kwavel' iinkumbi,zatsho ngenyambalala yomqikela.

35. Zalubhuqa lonk' uhlaza lwalapho,zayibhuqa yonke imveliso yomhlaba.

36. Wawabulala onk' amavela-tanci,nditheth' onke amazibulo amaJiputa.

37. Wawakhupha amaSirayeli,emka epheth' igolide nesiliva,kungekho namny' ubikwa hlaba kubantu bakhe.

38. Avuya amaJiputa akumka amaSirayeli;kaloku ayeselewoyika.

39. Wabasitha ngelif' emini abantu bakhe,wabakhanyisela ngesithatha somlil' ebusuku.

40. Bakucel' ukutya kwavel' izagwityi,wabanik' isonka esivel' ezulwini, bahlutha.

41. Wavul' iliwa, ampompoza amanzi,kwavel' imisinga, yacand' enkangala.

42. Kaloku wakhumbula isithembiso sakhe,esingumnqophiso wakhe noAbraham isicaka sakhe.

43. Wabandulula bechwayitile abantu bakhe,abanyulwa bakhe behamba besombela.

44. Wabanika amazwe ezinye izizwe,basixhamla isiqhamo sokubila kwazo,

45. khon' ukuze bayithobel' imithetho yakhe,bagcine nemiyalelo yakhe.Makabongwe uNdikhoyo!

Iindumiso 105