Iindumiso 105:26-43 Ibhayibhile (XHO96)

26. Emva koko uthumele uMosis isicaka sakhekunye noAron umnyulwa wakhe.

27. Babonakalisa imiqondiso yamandla kaThixo,benza nemimangaliso eJiputa.

28. UThixo wezisa ubumnyama emhlabeni,kuba engalivanga amaJiputa ilizwi lakhe.

29. Amanzi emilambo ajika aligazi,zafa zaphela nezo ntlanzi zabo.

30. Axhuma-xhuma amaxoxo kwelo lizwe,angena nkqu nasemagumbini ekumkani.

31. Watheth' uThixo, kwavela ibubu leempukane,nebubu lezibawu zalityhutyha lonke elo.

32. Kwawa isichotho endaweni yemvula,kwamenyezel' imiban' eyoyikekayo apho.

33. Yavuthuluk' imithi yemidiliya namakhiwane,yawa yaphela imithi kweli lizwe.

34. Watheth' uThixo, kwavel' iinkumbi,zatsho ngenyambalala yomqikela.

35. Zalubhuqa lonk' uhlaza lwalapho,zayibhuqa yonke imveliso yomhlaba.

36. Wawabulala onk' amavela-tanci,nditheth' onke amazibulo amaJiputa.

37. Wawakhupha amaSirayeli,emka epheth' igolide nesiliva,kungekho namny' ubikwa hlaba kubantu bakhe.

38. Avuya amaJiputa akumka amaSirayeli;kaloku ayeselewoyika.

39. Wabasitha ngelif' emini abantu bakhe,wabakhanyisela ngesithatha somlil' ebusuku.

40. Bakucel' ukutya kwavel' izagwityi,wabanik' isonka esivel' ezulwini, bahlutha.

41. Wavul' iliwa, ampompoza amanzi,kwavel' imisinga, yacand' enkangala.

42. Kaloku wakhumbula isithembiso sakhe,esingumnqophiso wakhe noAbraham isicaka sakhe.

43. Wabandulula bechwayitile abantu bakhe,abanyulwa bakhe behamba besombela.

Iindumiso 105