Iindumiso 105:12-25 Ibhayibhile (XHO96)

12. Babengabantw' abambalwa nje, bengazelwe nto;babengabaphambukeli kuphela nje kuloo mhlaba.

13. Babebhadula kumazwe ngamazwe;besuka kolunye ulawulo baye kolunye.

14. Kodwa uThixo akavumanga ukuba batsaliswe nzima;ude wazohlwaya neekumkani ngenxa yabo.

15. Watsho esithi: “Ze ningabachukumisi abathanjiswa bam,ningakhe nibenzakalise abashumayeli bam.”

16. Ekubeni evelise indlala elizweni labo uNdikhoyo,nokutya kwabo wakuphelisa mpela,

17. wabathumela uJosefu wabandulela,wathengiswa waba likhoboka.

18. Amaqatha akhe adliswa ngamatyathanga,waminxwa nasemqaleni ngamakhamandela,

19. lada lazaliseka ilizwi awayelithethile,ilizwi likaNdikhoyo lamngqinela.

20. Ikumkani yamhlangula,umlawuli wezizwe wamkhulula,

21. yamenza intloko yomzi wayo,yamnika igunya lokulawula konke okwayo,

22. yamnika iwonga kunamaphakathi ayo,kwanegunya lokuqeqesha bonke ooceba bayo.

23. Naye uYakobi waya eJiputa,waba ngummi elizweni lakwaHam.

24. UNdikhoyo wabanika inzala eninzi abantu bakhe,wabanika amandla kunababandezeli babo.

25. Wawafaka intiyo amaJiputa,ukuze azikhohlise izicaka zakhe.

Iindumiso 105