Iindumiso 104:8-18 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ehl' iintaba neenduli, abhek' ezantsi,apho wawuthe maze aye khona.

9. Kaloku wamis' imid' amanz' angegqithi kuyo,hlez' aphind' awugubungel' umhlaba.

10. Ulogqabhuz' imithombo ezintlanjeni,ibaleke phakathi kweenduli,

11. apho kusel' izilwanyana,nalaph' amaqwarh' athob' unxano.

12. Kulapho zakhela khon' iintaka,zintyiloz' emasebeni emithi.

13. Ulonkcenkceshel' iintaba ngeemvula zaphezulu;uchumil' umhlaba ziintsikelelo zakho.

14. Ulontshulisel' iinkomo ingca,akhulisel' abantu izityalo,kuvel' isivuno sokutya,

15. newayin' echwayitisayo,amafuth' okuthambisa,kunye nesonka sokubondla.

16. Iyifumana kanobom imvula imithi kaNdikhoyo,loo mithi yemisedare awayityala eLebhanon.

17. Iintaka zizakhela kuyw' iindlwana zazo,neengwamza zakhel' emikhobeni.

18. Won' amatshabanqa ahlal' ezingxondorheni,ziz' iimbila zibalekele emaweni.

Iindumiso 104