Iindumiso 104:21-35 Ibhayibhile (XHO96)

21. Amathol' eengonyam' ayagragram' ezingela,efuna ukuty' okuvela kuThixo.

22. Ukuphuma kwelanga ziyemka zonk' izilo,ziye kulal' ezikhundleni zazo.

23. Bandul' ukuphum' abantu baphangele,basebenze kude kutshon' ilanga.

24. Hay' ubuninzi bezintw' ozenzileyo, Ndikhoyo!Uzenze ngobulumko xa zizonke;uzel' umhlaba zizintw' ezidalwe nguwe.

25. Phaya esithabazini solwandle kukho inyambalala yezilo;kukho ezikhulu, kukho nezincinane.

26. Kuhamba iinqanawa apho,kanti nomnenga udlwabiza udloba kulo,eso silw' esadalelwa loo nto nguwe.

27. Zonke ezo zinto zijonge kuwe,ukuz' uzondle ngexesh' ekufuneka zitye ngalo.

28. Wakuzipha ziyatya,ze wakuzondla zihluthe.

29. Uthi wakuzifulathela, zoyike, zixhale;wakuwuthatha umphefumlo zife, zibuyele eluthulini.

30. Wakuthumela umoya wakho ziyadalwa,butsho buvuseleleke ubuso bomhlaba.

31. Masime ngonaphakade isihomo nesithozela sakho, Ndikhoyo;wanga ungakonwabisa umsebenzi owenzileyo.

32. Wena uthi ungawujonga nje ube selungcangcazela umhlaba,uzichukumis' iintaba zitsho ziphum' umsi.

33. Ndomombelel' uNdikhoyo lo gama ndisaphilayo,ndimbong' uThixo wam lo gama ndisadl' ubomi.

34. Wanga angavuyiswa ngumbongo wam uNdikhoyo,kuba yena uyandivuyisa.

35. Mababhangisw' aboni ehlabathini;makangabikho konk' amatshijolo.Wena moya wam, mbonge uNdikhoyo;ewe, mbonge uNdikhoyo!

Iindumiso 104