17. Iintaka zizakhela kuyw' iindlwana zazo,neengwamza zakhel' emikhobeni.
18. Won' amatshabanqa ahlal' ezingxondorheni,ziz' iimbila zibalekele emaweni.
19. Iinyanga zibalwa ngokufa kwenyanga,nelanga liyalazi ixesha lokutshona kwalo.
20. Ubusuku benziwa nguwe,ukuz' izilwanyana zihamba-hambe.
21. Amathol' eengonyam' ayagragram' ezingela,efuna ukuty' okuvela kuThixo.
22. Ukuphuma kwelanga ziyemka zonk' izilo,ziye kulal' ezikhundleni zazo.
23. Bandul' ukuphum' abantu baphangele,basebenze kude kutshon' ilanga.
24. Hay' ubuninzi bezintw' ozenzileyo, Ndikhoyo!Uzenze ngobulumko xa zizonke;uzel' umhlaba zizintw' ezidalwe nguwe.
25. Phaya esithabazini solwandle kukho inyambalala yezilo;kukho ezikhulu, kukho nezincinane.
26. Kuhamba iinqanawa apho,kanti nomnenga udlwabiza udloba kulo,eso silw' esadalelwa loo nto nguwe.
27. Zonke ezo zinto zijonge kuwe,ukuz' uzondle ngexesh' ekufuneka zitye ngalo.