Iindumiso 104:16-31 Ibhayibhile (XHO96)

16. Iyifumana kanobom imvula imithi kaNdikhoyo,loo mithi yemisedare awayityala eLebhanon.

17. Iintaka zizakhela kuyw' iindlwana zazo,neengwamza zakhel' emikhobeni.

18. Won' amatshabanqa ahlal' ezingxondorheni,ziz' iimbila zibalekele emaweni.

19. Iinyanga zibalwa ngokufa kwenyanga,nelanga liyalazi ixesha lokutshona kwalo.

20. Ubusuku benziwa nguwe,ukuz' izilwanyana zihamba-hambe.

21. Amathol' eengonyam' ayagragram' ezingela,efuna ukuty' okuvela kuThixo.

22. Ukuphuma kwelanga ziyemka zonk' izilo,ziye kulal' ezikhundleni zazo.

23. Bandul' ukuphum' abantu baphangele,basebenze kude kutshon' ilanga.

24. Hay' ubuninzi bezintw' ozenzileyo, Ndikhoyo!Uzenze ngobulumko xa zizonke;uzel' umhlaba zizintw' ezidalwe nguwe.

25. Phaya esithabazini solwandle kukho inyambalala yezilo;kukho ezikhulu, kukho nezincinane.

26. Kuhamba iinqanawa apho,kanti nomnenga udlwabiza udloba kulo,eso silw' esadalelwa loo nto nguwe.

27. Zonke ezo zinto zijonge kuwe,ukuz' uzondle ngexesh' ekufuneka zitye ngalo.

28. Wakuzipha ziyatya,ze wakuzondla zihluthe.

29. Uthi wakuzifulathela, zoyike, zixhale;wakuwuthatha umphefumlo zife, zibuyele eluthulini.

30. Wakuthumela umoya wakho ziyadalwa,butsho buvuseleleke ubuso bomhlaba.

31. Masime ngonaphakade isihomo nesithozela sakho, Ndikhoyo;wanga ungakonwabisa umsebenzi owenzileyo.

Iindumiso 104