Iindumiso 104:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!Ubungangalala bakho, Ndikhoyo, Thixo wam, buyamangalisa!Uzithe wambu ngesihomo nesithozela;

2. ulowambath' ukukhanya, kwanga yingubo;ulotwabulul' isibhakabhaka, wanga wanek' intente;

3. ulomis' iintsika zendlu yakhe emanzini,enze iinqwelo ngamafu,achankcathe phezu kwamaphik' omoya;

4. ulowenz' imimoya izithunywa zakhe,nemiban' elenyay' ibe zizicaka zakhe.

5. Zabekwa nguw' iziseko zomhlabaze zingashuku-shukunyiswa bani.

6. Wawugquma ngenzonzobil' olwandle,wang' uwambes' ingubo,atshw' amanzi azithi gqume iintaba.

7. Uthe wakuwakhalimel' abaleka;zakuvakal' iindudumo zezwi lakho,aphaphathek' elatyuza.

8. Ehl' iintaba neenduli, abhek' ezantsi,apho wawuthe maze aye khona.

Iindumiso 104