Iindumiso 104:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!Ubungangalala bakho, Ndikhoyo, Thixo wam, buyamangalisa!Uzithe wambu ngesihomo nesithozela;

2. ulowambath' ukukhanya, kwanga yingubo;ulotwabulul' isibhakabhaka, wanga wanek' intente;

3. ulomis' iintsika zendlu yakhe emanzini,enze iinqwelo ngamafu,achankcathe phezu kwamaphik' omoya;

4. ulowenz' imimoya izithunywa zakhe,nemiban' elenyay' ibe zizicaka zakhe.

5. Zabekwa nguw' iziseko zomhlabaze zingashuku-shukunyiswa bani.

6. Wawugquma ngenzonzobil' olwandle,wang' uwambes' ingubo,atshw' amanzi azithi gqume iintaba.

7. Uthe wakuwakhalimel' abaleka;zakuvakal' iindudumo zezwi lakho,aphaphathek' elatyuza.

8. Ehl' iintaba neenduli, abhek' ezantsi,apho wawuthe maze aye khona.

9. Kaloku wamis' imid' amanz' angegqithi kuyo,hlez' aphind' awugubungel' umhlaba.

10. Ulogqabhuz' imithombo ezintlanjeni,ibaleke phakathi kweenduli,

Iindumiso 104