1. Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!Ubungangalala bakho, Ndikhoyo, Thixo wam, buyamangalisa!Uzithe wambu ngesihomo nesithozela;
2. ulowambath' ukukhanya, kwanga yingubo;ulotwabulul' isibhakabhaka, wanga wanek' intente;
3. ulomis' iintsika zendlu yakhe emanzini,enze iinqwelo ngamafu,achankcathe phezu kwamaphik' omoya;
4. ulowenz' imimoya izithunywa zakhe,nemiban' elenyay' ibe zizicaka zakhe.
5. Zabekwa nguw' iziseko zomhlabaze zingashuku-shukunyiswa bani.
6. Wawugquma ngenzonzobil' olwandle,wang' uwambes' ingubo,atshw' amanzi azithi gqume iintaba.
7. Uthe wakuwakhalimel' abaleka;zakuvakal' iindudumo zezwi lakho,aphaphathek' elatyuza.
8. Ehl' iintaba neenduli, abhek' ezantsi,apho wawuthe maze aye khona.
9. Kaloku wamis' imid' amanz' angegqithi kuyo,hlez' aphind' awugubungel' umhlaba.
10. Ulogqabhuz' imithombo ezintlanjeni,ibaleke phakathi kweenduli,