Iindumiso 103:13-16 Ibhayibhile (XHO96)

13. Bufana nomzali kubantwanaububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

14. Kaloku uyasazi into esiyiyo;uyaqonda ukuba siluthuli.

15. Yen' okokwakhe umntu uyafana nje nengca:uyakhula, achume okwentyatyambo.

16. Suka uvuthuze won' umoya,iphephethek' intyatyambo,ingab' ibekho kuloo ndaw' ibikad' ikuyo.

Iindumiso 103