Iindumiso 103:12-22 Ibhayibhile (XHO96)

12. ulogxoth' izono zithi qelele kuthinjengempumalanga nentshonalanga.

13. Bufana nomzali kubantwanaububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

14. Kaloku uyasazi into esiyiyo;uyaqonda ukuba siluthuli.

15. Yen' okokwakhe umntu uyafana nje nengca:uyakhula, achume okwentyatyambo.

16. Suka uvuthuze won' umoya,iphephethek' intyatyambo,ingab' ibekho kuloo ndaw' ibikad' ikuyo.

17. Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,

18. kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhenabathobela imithetho yakhe.

19. UNdikhoyo ungqendev' esihlalweni sakhe ebhotw' ezulwini;ulawulo lwakhe luqhakamshela ihlabathi liphela.

20. Mbongeni uNdikhoyo, nina zithunywa zakhe ezinamandla;mbongeni, nina nibalasele ngokumthobela;liphulaphuleni ilizwi lakhe.

21. Mbongeni, uNdikhoyo, nina mikhosi yezulu;mbongeni, nina zicaka zakhe.

22. Nani zidalwa, khanimbonge nonke,kuzo zonk' iindaw' alawula kuzo.Nawe, moya wam, mbonge uNdikhoyo!

Iindumiso 103