Iindumiso 1:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.

2. Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo,ayetyise emini nasebusuku.

3. Unjengomth' otyalwe ngasemijelweni yamanzi,umth' ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo,umth' omagqabi angasoz' abune.Ewe, konk' akwenzayo umnt' onjalo kuyaphumelela.

4. Àbanjalo kambe bona abantw' abagwenxa;bona banjengomquq' ophetshethwa ngumoya.

Iindumiso 1