4. UMosis wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo, waza wenjenje ukuthetha ebhekisa kwelo bandla elalithe nqwadalala ekungeneni kwesibingelelo:
5. “Le nto ndiza kuyenza ngoku yinto endiyithunywe nguNdikhoyo.”
6. UMosis wathi uAron noonyana bakhe mabasondele, waza wabahlamba ngamanzi.
7. Unxibe uAron ihempe, wamthi wambu ngomnweba, wamfaka umxwayo, waza wamfaka *isidanga, wasiqhobosha esinqeni ngebhanti esontwe ngobunono.
8. Kweso sidanga sisesifubeni wafaka *iiurim neethumim.
9. Umthwalise iqhiya entloko, waza kuyo waqhoboshela isihombiso esenziwe ngegolide, esiluphawu lokwahlulelwa uNdikhoyo. Wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo uMosis.