Eyonqulo 5:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Xa umntu ebizwe yinkundla ukuba anike ubungqina, aze anganiki nkcazelo ngento ayibonileyo nayivileyo, unetyala.

2. Xa umntu echukumise *into engàphathwayo, enjengesilo esifileyo, udyobhekile, unetyala, nokuba akaqondi. Ingasisilwanyana sasendle esingatyiwayo, nokuba yimfuyo engatyiwayo, okanye sisilwanyana esirhubuluzayo.

3. Xa umntu echukumise into engàphathwayo ephuma komnye umntu, loo mntu naye udyobhekile, unetyala nokuba akaqondi.

4. Xa umntu efumana afunge engacinganga, nokuba ufungela nantoni na, unetyala nokuba akaqondi.

5. Mayela nale micimbi, akuba umntu eziqondile ukuba wonile, makasivume isiphoso sakhe,

6. aze eze nemazi yegusha nokuba yeyebhokhwe *kuNdikhoyo, enze idini lokungxengxezela ityala lakhe. Umbingeleli wolinikela elo dini ngenxa yeso siphoso.

7. Ukuba loo mntu akanako ukunikela ngegusha okanye ibhokhwe, wozisa amahobe amabini kuNdikhoyo, nokuba ngamavukuthu, enze intlawulelo yesono sakhe ngawo. Elinye loba ngumnikelo wokucamagushela isono, elinye libe leledini elitshiswayo.

8. Wowasa kumbingeleli. Yena woqala anikele elinye libe ngumnikelo wokucamagushela isono. Wolaphula intamo, angayiqhawuli kambe intloko,

Eyonqulo 5