Eyonqulo 4:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba

2. makabhekise kumaSirayeli lo mlomo uthi xa kukho bani wonileyo, waphula imimiselo kaNdikhoyo engenzi ngabom, kufuneka alandele le miyalelo.

3. Xa ingumbingeleli othanjisiweyo lowo wenze isono, aze ngokwenjenjalo azisele abantu ityala, yena uya kunikela ngethole lenkunzi yenkomo elingenasiphako, enze ngalo idini lokungxengxezela isono sakhe kuNdikhoyo.

4. Loo nkunzi uya kuyisa ngasekungeneni *kwesibingelelo, ayibeke isandla entloko, aze ayihlabele apho phambi koNdikhoyo,

5. aze ke kwayena athathe igazi layo, angene nalo esibingelelweni.

6. Akuba ethe nkxu umnwe egazini, uya kutshiza ngalo kasixhenxe apho ngaphambi koNdikhoyo nganeno komkhusane wegumbi eliyingcwele kangcwele,

7. andule ukutyikila ngenxalenye yegazi elo iimpondo ezikwiikona zeqonga lesiqhumiso elilapho kwigumbi eliyingcwele, aliphalaze igazi eliseleyo emazantsi eqonga lamadini atshiswayo elisekungeneni kwesibingelelo.

8. Wothi ke athathe onke amanqatha enyama yangaphakathi yale nkunzi,

9. izintso namanqatha azo, kunye nomhlehlo,

10. kanye njengoko enzayo ngamanqatha edini lobudlelane. Loo manqatha uya kuwatshisa kwelaa qonga lamadini atshiswayo.

11. Kodwa sona isikhumba nayo yonke inyama, intloko namanqina, nezibilini kwakunye namathumbu, oko kukuthi yonke inyama enganikelwanga kuNdikhoyo,

12. uya kuyikhuphela ngaphandle kwelali, azise kulaa ndawo ikhethekileyo apho kulahlwa khona uthuthu, azitshisele apho ngomlilo weenkuni.

Eyonqulo 4