Eyonqulo 17:3-4-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. Intsingiselo yalo mthetho kukuba amaSirayeli awazise kuNdikoyo loo madini ebekade ewaxhelela naphi na. Onke amadini makaziswe kumbingeleli ngasesangweni lesibingelelo, abe ngamadini obudlelane.

6. Umbingeleli uya kutshiza ngegazi elo kumacala onke eqonga ekungeneni kwesibingelelo, aze amanqatha awatshise enzele uNdikhoyo ivumba elimyoli.

7. AmaSirayeli makangaphindi anganyaniseki kuNdikhoyo ngokuxhelela naphi na, esenzela iindimoni amadini. Esi sithethe amaSirayeli makangaze asityeshele.

8. UmSirayeli okanye umngeneleli othe wenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo, okanye naliphi na elinye idini,

9. ongalenzelanga uNdikhoyo ngasesangweni lesibingelelo, loo mntu kufuneka asikwe ebantwini bakaThixo.

Eyonqulo 17