Eyonqulo 16:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Uya kunikela ngenkunzi yenkomo yokungxengxezela izono zakhe kwakunye nomzi wakhe,

7. andule ke asondeze ezaa bhokhwe zimbini ngasesangweni *lesibingelelo phambi koNdikhoyo.

8. Khona apho ke uya kwenza *iqashiso ngamatye amabini, elinye ilitye libhalwe kuthiwe “ibhokhwe kaNdikhoyo” elinye “ibhokhwe ethwaliswa izono.”

9. Iya kuthi ke loo bhokhwe ichongwe ngeqashiso ukuba yekaNdikhoyo uAron enze ngayo idini lokucamagushela isono,

10. ithi leya iyibhokhwe ethwaliswa izono isondezwe kuNdikhoyo ihleli, ibe sisicamagushelo ngokuthi ikhatshelelwe entlango ithwele izono zesizwe.

11. UAron uya kuza nenkunzi yenkomo yokucamagushela isono sakhe kunye nesomzi wakhe, aze ayixhele.

12. Uya kukha amalahle avuthayo ngomcephe eqongeni eliphambi koNdikhoyo, aze athathe kangangezandla ezibini zentlaka yesiqhumiso ecoliweyo, angene nazo kwelona gumbi lingcwele.

13. Apho ke ngaphambi koNdikhoyo wogalela intlaka yesiqhumiso kuloo malahle, khon' ukuze umsi wesiqhumiso usigubungele isivalo setyesi enobungqina bomnqophiso, ukuze angayiboni, hleze afe akuyibona.

14. Uya kwandula ke athi nkxu umnwe wakhe egazini laloo nkunzi yenkomo exheliweyo, ze atshize ngalo umphambili wesivalo setyesi, aze athi tshize kasixhenxe nangaphambi kwetyesi yomnqophiso.

15. Akugqiba ke uya kuxhela laa bhokhwe yedini lokungxengxezela izono zesizwe, azise igazi layo ngaphakathi kwelona gumbi lingcwele, aze atshize ngalo isivalo nomphambili wetyesi yomnqophiso njengoko ebenzile ngegazi lenkunzi yenkomo.

Eyonqulo 16