30. Ngaloo mini makucanyagushwe, khon' ukuze bangabi nasono *kuNdikhoyo.
31. Loo mhla mawube yimini eyodwa abaya kuthi bazile ngayo, bangenzi nomsebenzi lo. Esi mayibe sisithethe esiya kusoloko sigcinwa ngalo lonke ixesha.
32. Ucamagusho kufuneka lwenziwe ngumbingeleli omkhulu omiselwe watyunjelwa ukungena endaweni kayise. Wovatha ezizodwa zobubingeleli,
33. aze ke alicamagushele elona gumbi lingcwele, *isibingelelo siphela, iqonga, ababingeleli, kwakunye nebandla lakwaSirayeli lilonke.
34. Masingaze sityeshelwe esi sithethe. Kanye ngonyaka amaSirayeli makacanyagushelwe.UMosis ke wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.