18. kufuneka aphume aye kucamagushela iqonga eliphambi koNdikhoyo. Makathathe igazi lalaa nkunzi yenkomo nelalaa bhokhwe, aye kutyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zeqonga,
19. aze atshize ngelo gazi kasixhenxe apho eqongeni. Wokwenjenjalo ke ukulicamagushela iqonga lamadini kumlaza wamaSirayeli, alahlulele uNdikhoyo libe ngcwele.
20. Akugqiba uAron ukulicamagushela elona gumbi lingcwele, *nesibingelelo siphela, kunye neqonga, uya kusondeza *kuNdikhoyo laa bhokhwe ihleliyo ibichongelwe ukuthwaliswa izono.
21. Woyibeka izandla entloko, avume phezu kwayo bonke ububi obenziwe ngamaSirayeli, nokungeva kwawo, kunye nezono zawo zonke. Loo bhokhwe ithwaliswe zonke izono iya kukhatshelwa entlango ngumntu otyunjelwe loo nto.