Eyonqulo 15:26-33 Ibhayibhile (XHO96)

26. Ngalo lonke ke elo xesha umandlalo alala kuwo, kwanento athi ahlale kuyo, iba nomlaza.

27. Umntu othi achukumise ezo zinto uyasuleleka, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe kwakunye nomzimba. Uba nomlaza de kutshone ilanga.

28. Akupheza ukuhlamba kufuneka loo mfazi alinde iintsuku zibe sixhenxe, aze ke ahlambuluke.

29. Ngosuku lwesibhozo kufuneka ase kumbingeleli amahobe amabini, okanye amavukuthu, ngasesangweni lesibingelelo.

30. Umbingeleli wonikela elinye libe lidini lesono, lize elinye libe lidini elitshiswayo. Yiyo ke leyo indlela yokumcamagushela phambi koNdikhoyo umfazi okuloo meko.

31. UNdikhoyo wathi kuMosis: “Wakhwebule amaSirayeli kwiimeko ezibangela umlaza, ukuze angasixabheli isibingelelo sam esisembindini welali, hleze afe.”

32. Nguwo lowo ke umyalelo mayelana nendoda evuza ububovu, okanye ethe yazingcolisa ngobudoda,

33. kwakunye nomntu obhinqileyo osexesheni, okanye indoda ethe yahlangana nomfazi onomlaza, kwakunye nabani na ovuza ububovu.

Eyonqulo 15