Eyonqulo 15:19-24 Ibhayibhile (XHO96)

19. Umntu obhinqileyo xa athe waba sexesheni uba nomlaza iintsuku ezisixhenxe; umntu othi amchukumise naye uyasuleleka de kutshone ilanga.

20. Nantoni na athi ahlale okanye alale phezu kwayo lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza.

21-23. Umntu ochukumisa umandlalo waloo mfazi, okanye into athe wahlala phezu kwayo, uyasuleleka ngumlaza kude kutshone ilanga, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba.

24. Xa kukho indoda ethe yahlangana naye lo gama asexesheni nayo iyasuleleka ngumlaza. Yoba nawo de kube ziintsuku ezisixhenxe; yaye nomandlalo ethi ingqengqe kuwo uba nomlaza nawo.

Eyonqulo 15