Eyonqulo 15:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis nakuAron wathi

2. maze baxelele amaSirayeli ukuba xa kukho indoda evuza ububovu ngamaphambili, loo nto yenza *umlaza,

3. nokuba ukuvuza oko kuhlala kukho, okanye kumana kunqamka.

4. Umandlalo ethi ihlale okanye ilale phezu kwawo, nawo uyasuleleka ngumlaza.

5-6. Kanti ke nomntu othi achukumise loo mandlalo, okanye ahlale phezu kwento ebikhe yahlala phezu kwayo loo ndoda, kufuneka ahlambe impahla yakhe, azihlambe umzimba. Wohlala enomlaza kude kutshone ilanga.

7. Umntu othi ayichukumise loo ndoda naye kufuneka ahlambe impahla yakhe, azihlambe nomzimba, yaye uya kuhlala enomlaza kude kutshone ilanga.

21-23. Umntu ochukumisa umandlalo waloo mfazi, okanye into athe wahlala phezu kwayo, uyasuleleka ngumlaza kude kutshone ilanga, yaye kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba.

Eyonqulo 15