Eyonqulo 14:8-19 Ibhayibhile (XHO96)

8. Loo mntu ke kufuneka ahlambe impahla yakhe, achebe iinwele, ahlambe nomzimba, aze ke abe uhlambulukile. Angangena ngoku ngaphakathi kwelali, kodwa kufuneka angangeni endlwini yakhe kude kuphele iintsuku ezisixhenxe.

9. Wobuya azichebe iinwele kwakhona ngomhla wesixhenxe, achebe neendevu, neentshiya; bonke uboya obusemzimbeni abuchebe nabo, aphinde ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, aze ke emva koko abe akanawo tu umlaza.

10. Ngosuku lwesibhozo kufuneka eze neenkunzi ezimbini zeegusha ezinonyaka omnye kwakunye nemazi yegusha enonyaka, zingabi nasiphako, aphathe kunye neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma, athathe namafutha anganeno kwesiqingatha selitha.

11. Umbingeleli owazisa ukuhlambuluka kwaloo mntu womsondeza naloo minikelo yakhe ekungeneni *kwesibingelelo phambi koNdikhoyo;

12. andule ke umbingeleli athathe enye inkunzi yegusha kunye nalaa mafutha anganeno kwesiqingatha selitha, enze ngazo idini lentlawulo. Wozinikela kuNdikhoyo zibe ngumnikelo owanga-wangiswayo.

13. Le nkunzi yegusha enonyaka woyinqumlela kulaa ndawo ikhethekileyo kuxhelelwa kuyo izinto zokwenza amadini okucamagushela isono natshiswayo. Kufuneka enjenjalo, kuba kaloku idini lentlawulo lidini elilodwa, elisisabelo sombingeleli, njengoko linjalo idini lokucamagushela isono.

14. Ngoku ke umbingeleli uthi nkxu umnwe egazini, aze atyikile ngalo indlebe yaloo mntu yasekunene, ubhontsi wasekunene, nosithupha wasekunene;

15. abuye athathe inxenye yaloo mafutha, ayigalele esandleni sasekhohlo,

16. athi nkxu umnwe wesandla sokunene kuloo mafutha, aze afefe ngawo phambi koNdikhoyo kasixhenxe;

17. ze aphinde acuntsule intwana kwakuloo mafutha asesandleni, atyikile eziya ndawo ebedyobhe igazi kuzo: indlebe yaloo mntu yasekunene, nobhontsi wasekunene, kwakunye nosithupha wasekunene.

18. Amafutha asele esandleni sakhe kufuneka athambise ngawo intloko yaloo mntu uhlanjwa umlaza. Uya kwenjenjalo ke umbingeleli ukucamagushela loo mntu.

19. Emva koko ke umbingeleli kufuneka anikele idini lokucamagushela isono, ukungxengxezela loo mntu unomlaza. Uya kwandula ke anqumle into yokwenza idini elitshiswayo,

Eyonqulo 14