3. Yena ke umbingeleli wophumela ngaphandle kwelali, apho aya kuthi amxilonge khona. Xa isifo siphelile,
4. umbingeleli uya kuthi makuziswe iintaka ezimbini ezityiwayo, kunye neceba lomthi womsedare, negqesha elibomvu, kwakunye nehlamvu lengcongolo ekuthiwa yihisopu.
5. Andule ke umbingeleli athi mayibulawe enye intaka, yophiselwe engqayini enamanzi asand' ukukhiwa emthonjeni.
6. Enye intaka le woyithatha ayithi nkxu egazini lale ifileyo, alenjenjalo neceba lomsedare, igqesha elibomvu, kunye nehlamvu elo lehisopu.
7. Emva koko womfefa kasixhenxe ngelo gazi loo mntu uphilileyo, andule ke azise ukuba akasenamlaza ngoku. Le ihleliyo intaka yona wophuma nayo elalini, ayiyeke ibhabhe imke.
8. Loo mntu ke kufuneka ahlambe impahla yakhe, achebe iinwele, ahlambe nomzimba, aze ke abe uhlambulukile. Angangena ngoku ngaphakathi kwelali, kodwa kufuneka angangeni endlwini yakhe kude kuphele iintsuku ezisixhenxe.
9. Wobuya azichebe iinwele kwakhona ngomhla wesixhenxe, achebe neendevu, neentshiya; bonke uboya obusemzimbeni abuchebe nabo, aphinde ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, aze ke emva koko abe akanawo tu umlaza.
10. Ngosuku lwesibhozo kufuneka eze neenkunzi ezimbini zeegusha ezinonyaka omnye kwakunye nemazi yegusha enonyaka, zingabi nasiphako, aphathe kunye neekhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa oxutywe namafutha omnquma, athathe namafutha anganeno kwesiqingatha selitha.
11. Umbingeleli owazisa ukuhlambuluka kwaloo mntu womsondeza naloo minikelo yakhe ekungeneni *kwesibingelelo phambi koNdikhoyo;
12. andule ke umbingeleli athathe enye inkunzi yegusha kunye nalaa mafutha anganeno kwesiqingatha selitha, enze ngazo idini lentlawulo. Wozinikela kuNdikhoyo zibe ngumnikelo owanga-wangiswayo.
13. Le nkunzi yegusha enonyaka woyinqumlela kulaa ndawo ikhethekileyo kuxhelelwa kuyo izinto zokwenza amadini okucamagushela isono natshiswayo. Kufuneka enjenjalo, kuba kaloku idini lentlawulo lidini elilodwa, elisisabelo sombingeleli, njengoko linjalo idini lokucamagushela isono.