Eyonqulo 11:2-3-29-30 Ibhayibhile (XHO96)

2-3. ukuba bayigqithisele kumaSirayeli: “Kuzo zonke izilwanyana ezihamba emhlabeni zingátyiwa ezineempuphu ezicandekileyo kananjalo zisetyisa.

20. Zonke izinambuzane ezizitho zine eziphaphayo azityiwa,

21. ngaphandle kwezo zitaka-takayo.

22. Ezinjengeenkumbi, nootseki-tselu, nomqhathu, ziyatyiwa zona.

23. Kodwa zonke ezinye izinambuzane eziphaphayo, ezirhoqozayo, azityiwa.

24-28. Umntu ochukumise ezi zinto xa zifile woba nomlaza kude kutshone ilanga: iinyamakazi ezineempuphu, ngaphandle kwezo zineempuphu ezicandekileyo, zetyisayo nokwetyisa, kunye nezo zizitho zine zinamathupha. Umntu othe waphatha ezi zinto xa zifile, makahlambe impahla, kodwa woba nomlaza kude kube kutshone ilanga.

29-30. Kwezirhubuluzayo nazi ezingatyiwayo: iintuku, amabuzi, iimpuku, oomacikilishe, ooxam, noomalovane.

Eyonqulo 11