Eyonqulo 11:1-21 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wanika uMosis noAron le miyalelo,

2-3. ukuba bayigqithisele kumaSirayeli: “Kuzo zonke izilwanyana ezihamba emhlabeni zingátyiwa ezineempuphu ezicandekileyo kananjalo zisetyisa.

7. Inyama yehagu mayingatyiwa. Kaloku ihagu ineempuphu ezicandekileyo, kodwa ayetyisi.

8. Inyama yezinto ezinjalo maningayityi, ningazichukumisi naxa zifileyo, kuba *zinomlaza.”

9. Kwezasemanzini ningazitya zonke iintlanzi ezinamaphiko okugwedla namaxolo.

10. Kodwa ke nantoni na engenamaphiko namaxolo ehlala emanzini ze ningayityi.

11. Ezinjalo azityiwa; musani ukuzichukumisa naxa zifile.

12. Nayiphi na into esemanzini engenamaphiko namaxolo inezothe.

13-19. Mazingatyiwa ezi ntlobo zeentaka: oomakhozi, oozikhova, oontloyiya, oozilwangangubo, oozintsikizi, oomaxhalanga, oonomyayi, oozinciniba, ookhwalimanzi, oozingwamza, oozintambanane, oozingcwangube, oomangaba-ngaba, oobhobhoyi, oomalulwane.

20. Zonke izinambuzane ezizitho zine eziphaphayo azityiwa,

21. ngaphandle kwezo zitaka-takayo.

Eyonqulo 11